Home
Login
Login to access online journals
Ukuvuyisana nosuku lwamalungelo abantu kubalulekile PDF  | Print |  E-mail
Kwiminyaka engama 47 eyedlulayo, ngomhla wama 21 kweyoKwindla ngonyaka ka1960, abakwaNtsasana babulala abantu abangama 69, ze bashiya kungxwelerheke iqela labaqhankqalazi ababesokoliswa ngamapasi phantsi kwemithetho yocalu – calulo. Ukukhunjulwa kwentlekele yaseSharpville kwathi kwaziwa njengosuku lwaseSharpville.  Usuku lwaseSharpville ngoku lwaziwa njengosuku lwamalungelo abantu, usuku apho uMzantsi Afrika ubufanele ukuba uqwalasela onke amabakala aphathelene namalunglelo abantu.
 
Iqumrhu lokuthetha phandle lenze iintshukumo ngaphandle kwezakhiwo zequmrhu losasazo loMzantsi SABC PDF  | Print |  E-mail
Iqumrhu lokuthetha phandle (Freedom of Expression – FXI) belibambe uqhankqalazo ngaphandle kwezakhiwo zequmrhu losasazo loMzantsi Afrika (SABC) eRhawutini. Olu qhankqalazo lungqamene kanye nenkqubo yokugqibela ukusasazwa ligqala uJohn Perlman. UPerlman uthe wabeka umboko wosasazo phantsi kwelifu lokungabonwa kakuhle kwendima edlalwa yiSABC njengequmrhu losasazo loluntu.
 
Ukuxhatshazwa kwamalungelo abantu kunwenwisa ubhubhane onguGawulayo PDF  | Print |  E-mail
Ukususela oko intsholongwane kaGawulayo yafunyaniswa ebutsheni beminyaka yoo 1980, sele isube imiphefumlo efikelela kuma 22 ezigidi, kwaye  sele yosulele ngaphezu kwama 60 ezigidi zabantu. Ngonyaka ka 2006, abantu abazizigidi ezihlanu bathe bosuleleka ze kwasweleka abakwizigidi ezithathu.
 
Umzantsi Afrika wehlile kuluhlu lukamakulinganwe ngokwesini PDF  | Print |  E-mail
UMzantsi Afrika woyisiwe kukukhusela abaseTyhini kubundlobongela, kwaye ufuna ukuphucula indlela yokujongana nomakulinganwe ngokwesini. Iqumrhu elijongene nomthetho wezesini eMzantsi Afrika, iSisonke, lithe lafumanisa iziphumo ezidanisayo kwingxelo ethiwe thaca kwisiqendu sama 51 semeko yabaseTyhini  kwikomishoni yezizwe ezimanyeneyo, eNew York.
 
Ikomishoni yamalungelo abantu yoMzantsi Afrika PDF  | Print |  E-mail
Ikomishoni yamalungelo abantu yoMzantsi Afrika, liziko elisebenza kulo lonke eli nelasekwa ukuze lizinzise inkululeko. Izimisele ekuququzeleleni ukuhlonitshwa, ukuqwalaselwa nokukhuselwa kwamalungelo abo bonke abantu ngaphandle koloyiko nokwenzelelela.
 
<< Start < Prev 1 2 Next > End >>

Results 1 - 9 of 10