Home
Login
Login to access online journals
Ukulangazelela ukuba ngumama ohlala ekhayeni PDF  | Print |  E-mail
Sele kuzinyanga ezine uRebecca Radebe wabuyela emsebenzini, kwaye nangona erhalela ukuba sekhaya nentombi yakhe enyanga zintlanu ubudala, kufuneka esebenzile ukuze akwazi ukuziphilisa. URadebe ungumncedisi womphathi wakhe ebhankini. Lo waseTyhini waseSoweto ukwanonyana ominyaka ilithoba. Ungomnye wabaseTyhini eMzantsi Afrika, abanyanzelekileyo ukusebenza nangona benabantwana ekufuneka bebakhathalele. Ngaphambili kwakujongeke ukuba abaseTyhini bakhathalele imizi yabo, lo gama amadoda ehamba efuna okokuphilisa abafazi kwanabantwana babo. Kubonakala ngathi akusenjalo ke ngoku.

Ngokwequmrhu lezophando lwenzululwazi yabantu (Human Scciences Research Council) kwanesifundo esaqhutywa yingxowa – mali yezizwe ezimanyeneyo ejoliswe kuphuhliso lwabaseTyhini (United Nations Fund for Development of Women), intatho – nxaxheba yabaseTyhini kwezemisebenzi konyuke ngokuthe gca kule minyaka ilishumi idlulileyo.

Ngokwaziswa komthetho wokulingana emisebenzini ka 1998 (Employment Equity Act of 1998), urhulumente woMzantsi Afrika ubezama ukusombulula umba wocalu – calulo ngokobuhlanga, ngokwesini kwanokhubazeko lomntu.

Yiyo loo nto kunyanzelekile ukuba abaqeshi bahambisane nokulingana ngokwesini emisebenzini, nekuthetha ukuba abaseTyhini abaliqela bayakhuthazwa ukufuna umsebenzi.

Nangona kunjalo oku kwenzeka xa kanye abaseTyhini abaphangelayo kwihlabathi jikelele beyeka imisebenzi ngobuninzi ukuze bachithe ixesha nabantwana babo emakhaya.

Ingaba imeko yoomama abakhetha ukuhlala emakhaya eMzantsi Afrika, iyakuba nefuthe ngokwasengqondweni kusini na kubazali kwanabantwana abachaphazelekayo?

Ugqirha wengqondo uCorlene Olivier uthi, iminyaka yokuqala emibini yeyona ibalulekileyo ekukhuleni komntwana. UOlivier ucinga ukuba kubaluleke kakhulu ukuba umama abekho ngeli thuba.

Nangona isisigqibo esinzima kakhulu esi, umama ngokwakhe kufuneka akhethe ngokungqamene neemeko aphila ngaphantsi kwazo.

“Kwenza umahluko omkhulu xa umntwana efunda kunina eselula kunokufunda kumngcini wakhe owenza nje kuba esempangelweni. Ukuzinza phakathi kothando nokufunda kuba lula emntwaneni.

“Kwelinye icala, ukuba umama uzimesele kwikhono lakhe emsebenzini, icebo lelokuba ase umntwana kwindawo yokugcina abantwana nalapho aza kukhathalelwa khona (ngoochwepheshe).

Enika iingcebiso kuqhagamshelwano ngokweekhompyutha (ku www.bluesuimom.com) neliqonga loomama abaphangelayo, uNatalie Gahrmann uyavuma ukuba oomama kufuneka bafumane iindlela zokudibanisa umsebenzi kwanobom babo basekuhlaleni.

UGarhmann ungumnikazi wentlanganisela yokuqeqesha (ebizwa iN-R-G Coaching Associates), neyinkampani ezimeleyo yokuqeqesha negxila kakhulu ekuncedeni abazali abaphangelayo ukuba bakwazi ukumelana nemeko yabo.

Uthi: “Ukubeka phambili kwanokulungisa emsebenzini nasekhaya kokona kubalulekileyo. Ukwengeza, ukucwangcisa kuyakukuxhasa kwindima yakho entsha njengomzali ophangelayo.”
“Qinisekisa ukuba ulala ngokwaneleyo, ufumana ukutya okunesondlo, wenza kwanemithambo ukuzigcina unamandla kwaye uphilile.”
Nangona enomntu okhathalela umntwana wakhe lo gama asemsebenzini, uRadebe usaziva enesazela sokungakwazi ukuhlala nomntwana wakhe ngalo lonke ixesha.

“Ndingathanda ukuhlala ekhaya ndikhulise umntwana wam, kodwa kuba kufuneka ndixhase ngezimali, andinakho ukuhlala.

“Nangona ndinomntu okhathalela umntwana kwaye ehlala nathi, ndidla ngokuxhalaba ngomntwana wam,” utsho uRadebe.

UGahrmann ucebisa ngelithi: “Musa ukuba nesazela, isazela sivela kwizinto eziliqela koomama abaphangalayo. Abanye baxhalatyiswa kukushiya abantwana babo emva bekwaphoswa ngamathuba amnandi kunye nabo.”
“Abanye banesazela kuba bekhumbula kwaye berhalela inkuthazo nokwaneliseka abakufumana ekusebenzeni kwanonencoko eyizisayo. Ngoko ke nokuba uphindela emsebenzini ukufumana imali kungenjalo ukwaneliseka kwakho, engqondweni khetha ngenxa yomsebenzi.”
“Kungenzeka ukuba ungakwazi ukulawula yonke into, kodwa ungakwazi ukulawula indlela obona ngayo izinto, indlela yokuziphatha kwaneemvakalelo. Ukuphangela akuguquli indlela oziva ngayo ngomntwana wakho, ngoko ke musa ukuzohlwaya.”

Usuku lukaRadebe oluqhelekileyo luqala ngentsimbi yesihlanu kusasa xa umntwana evuka, efuna ukuncanca.

“Kwangaxeshanye kufuneka ndilungiselele unyana wam ukuze aye esikolweni, nam ngokunjalo kufuneka ndizilungiselele ukuya emsebenzini. Kunzima nje ukuphila,” utsho esongeza ukuba, uhlawula ezi ntsuku zaphakathi evekini ngokuchitha ixesha nabantwana kwanomyeni wakhe ngempela – veki

UGahrmann ucebisa ngelithi: Yohlukanisa umsebenzi nekhaya.

“Musa ukubandakanya usana lwakho kuyo yonke incoko obanayo emsebenzini. Kulungile ukuthetha ngomntwana nokubonisa ngemifanekiso, kodwa ungayibaxi. Ungathethi kakhulu ngomsebenzi xa usekhaya.

Lo mqeqeshi ophumeleleyo wengeza ngelithi, oomama kufuneka bafunde kwabanye abathe baphindela emsebenzini. “Bangakufundisa lukhulu. Khangela abo bakule meko kungenjalo abakhe badlula kuyo.”


Umthombo weendaba: www.thestar.co.za
Eli bali niliphathelwe ngesihle yi Agenda – siphakamisa ilizwi ngokulingana ngesini. Xa ufuna inkcukacha ezivetshe ungasitsalela umnxeba kwa (031) 304 7001/2/3.