Home
Login
Login to access online journals
Uphindela emsebenzini? Mhlawumbi awusaphindela… PDF  | Print |  E-mail
Ukuba nguNozala kuza neenguqu eziliqela, nezingabandakanya ukuba ungasaphindi uphangele kwakhona. Esi sisigqibo esingelula nakanye nesingafuni kuthatyathwa lula, kwaye ngaphambi kokusithabatha kufuneka ubani aqwalasele phambi kokuba umntwana azalwe, kodwa ukuba kuyenzeka linda de umntwana azalwe phambi kokuthatyathwa kwesgqibo. Iimvakalelo ezintsha neziphazamisayo ziyafumaneka kwiiveki ezingaphambi kokuzalwa komntwana, akunakucaca xa ubani ekhulelwe ukuba sesiphi na isigqibo angasithabatha. Ukuba isigqibo sokuyeka ukuphangela senziwe kungenjalo sesona sibonwa sibhetele, kubalulekile ukwazi ukuba ubuNozala buza neyona nguqu ibonakalayo ebomini bomntu, kwaye bufuna izixhobo ezaneleyo  kwanenkxaso emandla ngeli thuba.

Ungaziva unesazela xa uza kuyeka umsebenzi kuba, nobuNozala bungumsebenzi osisigxina baye bufuna ithuba elanaleyo. Ngoko ke asingondlela lula. Ukuba awufuni kuphoswa ngawona manqanaba okuqala ebomini bomntwana wakho, le asiyiyo indlalo kuba ikhono kwanemisebenzi ihlala ikhona ukuze ubani abuyele kuyo, amanqanaba omntwana wakho ona awanjalo. 

Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba wena neqabane lakho niyawushukuxa lo mbandela. Shukuxani indlela eniziva ngayo, nizame ukufikelela kwisigqibo esisiso ngendlela eniza kuqhuba ngayo.

Fikelelani kuwo onke amanqanaba ukususela ekwabelaneni ngomvuzo, ekuthwaleni uxanduva lokukhathalela umntwana ukuya ekuqondeni kweqabane lakho ukuba, ngoku unomsebenzi omtsha nosisigxina wokuba ngumama. Kufuneka uzame ukucwangcisa iintsuku zakho zokuphumla.

Umama ophangelayo kufuneka azilungiselele kuba, usuku lwakhe lokubuyela emsebenzini lungaba nzima kunokuba ebelindele. Ungaba nesazela esingummangaliso xa uthe wakhetha ukuqhubela phambili nomsebenzi wakho. Zama ukuba ungavumeli iimbono zabanye abantu zikuphazamise. Ukusuka apho, gxila kwizinto ezibalulekileyi kuwe neqabane lakho kwaneenjongo eninazo ngosapho lwenu. 

Uyazi ukuba yiyiphi na elungileyo ngeli thuba. Gxila ekuboneni izinto ezilungileyo eziziswa kukubuyela kwakho emsebenzini, ezibandakanya ukuba nengeniso eyongezelelweyo, ukuhlala usazi ukuba kuqhubeka ntoni na kumsebenzi wakho. Uyakuziva ngendlela eyahlukileyo okuye kuhamba ixesha, ungakwazi ukwenza iinguqu. Ukuba ukusebenza kudlala indima enkulu kuwe, le meko ikunika ithuba lokuba ngumama obhetele lo gama wonwabileyo.

Eli bali niliphathelwe ngesihle yi Agenda – siphakamisa ilizwi ngokulingana ngesini. Xa ufuna inkcukacha ezivetshe ungasitsalela umnxeba kwa (031) 304 7001/2/3.