Home
Login
Login to access online journals
Ukukhulelwa, ubuNozala kwanomsebenzi PDF  | Print |  E-mail
Ungacingi ukuba uzakuhlala unguloo mntu udlamkileyo nonamandla ngethuba ukhulelwe. ingakumbi kwiinyanga ezintathu zokuqala, uzakube udiniwe kwaye ungenamandla.  Kwisithuba seenyanga ezintandathu kuye kuba lula xa ujonge izinga lamandla. Iinyanga ezintathu zokugqibela zinobazo ubunzima. Ngeli thuba uyakuziva ungemanganga kakuhle kwaye ungazibhaqa sele ungakwazi ukulala iiyure ezisibhozo ebusuku.  
Eyona nto ibalulekileyo kukuba ungazami ukuba ngulowo unamandla kaSamsoni, ofuna ukwenza yonke into ngokwakhe. Zivumele ukuba uqhelane nezigaba ezahlukeneyo zokukhulelwa, ukhumbule ukuba sele uzixakekise ngowona msebenzi mkhulu ehlabathini: ukunika ubom.

Ungangeni kumgibe wokusebenza de kube ngumzuzu wokugqibela. Uninzi loomama abatsha bakhalaza ngelithi, bacwangcisa ukuthabatha ikhefu leveki kungenjalo ezimbini nje kuphela ukuze babe nethutyana phambi kokuba bafike abantwana. Ingxaki yeyokuba uninzi lwabantwana alufiki ngethuba olulindelwa ngalo, kwaye oomama abaliqela bazifumana bephuma nje emsebenzini ukuya ngqo kubuNozala.

Akufika umntwana , umsebenzi wakho awusayi kuba njengakuqala. Zedlule ezo mini zokutyelela nokusebenza iiyure ezinde. Kuza kufuneka ukuba uzibophelele kumalungiselelo okukhathalela umntwana nokugoduka ngexesha elinye yonke imihla.
Ungathembeli ekugodukeni nomsebenzi. Akulula ukuqikelela iingxaki ongafika zikulindele. Ungaba nomntwana ofuna lonke ixesha lakho, imfuxwa okanye ukungaphili kakuhle. Ukwafuna nethuba elaneleyo lokulala!  

Ukuba uceba ukuqhubela phambili nokuncancisa, kufuneka ufumane isixhobo esisiso sokukhama ubisi lwebele. Qinisekisa ukuba indawo osebenzela kuyo ikulungele ukukhamela kungenjalo ukugcina ubisi lwebele.

Ukusebenzela ekhayeni kukunika amathuba amahle okufikelela kumntwana wakho usuku lonke, kodwa kufuneka uqwalasele ezi zinto zilandelayo :
•    Fumana umntu wokugcina umntwana nokuba usekhaya. Akulula ukusebenza kwaye ujonge nomtwana ngaxeshanye.
•    Indawo yakho yokusebenzela mayithi qelele, ibe kwindawo ethe cwaka nalapho ungenakuphazanyiswa siso nasiphi na isandi esenziwa ngumntwana. Ukuba usebenza  kwiindawo apho akubonayo kuyo, uyakufuna ukuba uchithe ixesha kunye naye, kungenjalo kuyakuba nzima ukuba aqhelane nomntu amgcinayo.

Umthombo wendaba: www.health 24.com
Eli bali niliphathelwe ngesihle yi Agenda – siphakamisa ilizwi ngokulingana ngesini. Xa ufuna inkcukacha ezivetshe ungasitsalela umnxeba kwa (031) 304 7001/2/3.