|
Ootata babandakanyeka ngamandla kubom babantwana babo |
PDF
|
| Print |
|
E-mail
|
Nangona umsebenzi wakhe njengomnini wenkampani yobuchule bokwenza imifanekiso ngoncedo lweekhompyutha (graphic design), uSfiso Majola uthi, eyona nto ibaluleke kakhulu ebomini bakhe lusapho lwakhe. Ngaphandle kweofisi, uchitha ixesha lakhe ephekela ekwancedisa ekukhathaleleni uNkanyezi, oyintombi yakhe enyanga zili 10 ubudala.
Ngeentsasa zaphakathi evekini, uSfiso nenkosikazi yakhe babalisana ngokuhlamba, ukufunza kwanokunxibisa uNkanyezi, ze uninzi lweentsuku amshiye kwindawo yokugcina abantwana kwindlela yakhe eya eofisini. Usebenza ekhaya enxibelelana neofisi yakhe ngekhompyutha, kanye ngeveki ukuze achithe ixesha noNkanyezi.
Ukubandakanyeka kukaSfiso kubomi bentombi yakhe, kuveza indima ebalulekiyo yobuzali edlalwa ngootata kule minyaka kuneyadlulayo. Ingcali yecandelo lezentlalontle nophuhliso kwidyunivesiti yaseCambridge, uMichael Lamb nogxa bakhe, bakhomba kuphando lwezifundo zengqondo olwenziwa kwiintlanga ezahlukeneyo nolwaveza ukuba, ukusondela kootata kwanokuzibandakanya kwabo kwiintsapho zabo, kunceda ekuphuhliseni abantwana ngokwasemphefumlweni nasekuhlaleni. Abaphandi bakwathemba ukuguqula indlela oogqirha kwanenkqubo yenkundla ebabona ngayo ootata.
ULamb uthi, ukutshintsha kwendima yootata kwaqala ngethuba uninzi lwabaseTyhini lwaqala ukuphangela. Phakathi konyaka ka 1948 noka 2001, ipesenti yabaseTyhini abakwiminyaka yokuphangela kungenjalo abafuna impangelo, iphantse yaphinda – phindeka kabini ukusuka kuma 33 eepesenti ukuya ngaphezu kwama 60 eepesenti ngokwequmrhu elijongene nemisebenzi kwanozinzo lweentsapho ( Employment Policy Foundation's Center for Work and Family Balance).
Ngenxa yesi sizathu ootata abafana noS’fiso bathe bathabatha iindima ezazifudula zisaziwa njengezoomama, utshilo uLamb.
“Mandulo, ootata babefudula bengazibandakanyi nabantwana,” utshilo. “Ubudlelwane babo babuvela xa sele bekhulile abantwana. Ngoku babonakala njengabagcini kwangethuba beselula abantwana.”
Eli bali niliphathelwe ngesihle yi Agenda – siphakamisa ilizwi ngokulingana ngesini. Xa ufuna inkcukacha ezivetshe ungasitsalela umnxeba kwa (031) 304 7001/2/3.
|