Home
Login
Login to access online journals
Ikomishoni yamalungelo abantu yoMzantsi Afrika PDF  | Print |  E-mail
Ikomishoni yamalungelo abantu yoMzantsi Afrika, liziko elisebenza kulo lonke eli nelasekwa ukuze lizinzise inkululeko. Izimisele ekuququzeleleni ukuhlonitshwa, ukuqwalaselwa nokukhuselwa kwamalungelo abo bonke abantu ngaphandle koloyiko nokwenzelelela.

Ngokuhambisana nomgaqo – siseko kwanomthetho wonyaka ka 1994 wekomishoni yamalungelo abantu, imisebenzi yale komishoni ibandakanya:
•    Ukwenza ukuba abantu boMzantsi Afrika bawaqonde kwaye bawazi amalungelo abo.
•    Ukunika amacebo kungenjalo iimbono kurhulumente ukuze kuphuculwe indlela ekuphathwa ngayo amalungelo abantu.
•    Ukuqhuba izifundo kwanokunika ipalamente ingxelo ngemiba ephathelene namalungelo abantu. 
•    Ukuphanda ngezikhalazo zokunyashwa kwamalungelo abantu kwanokufuna isisombululo esisiso.
Le komishoni isebenzisana norhulumente, uluntu, kwanabantu ngokubanzi eMzantsi Afrika nakumazwe angaphandle, isebenza njengonogada kwaneyona ndlela apho abantu abangathi bafumane ngayo amalungelo abo.

Lo gama ukuphatha nokulawula izikhalazo zokunyashwa kwamalungelo abantu iyeyona nto ibalulekileyo kumsebenzi wale komishoni, ikwajonge ekudaleni inkcubeko yamalungelo abantu ngokuququzelela, ukuphando kwanemisebenzi yezomthetho. Ukwengeza apho le komishoni ikwaqwalasela ze iseke amanqanaba omthetho wamalungelo abantu.
Imisebenzi yakutshanje, eyangoku kwanezeyo ibandakanya:
•    Isifundo socalu – calulo ngokobuhlanga esikolweni .
•    Uphando ngocalu – calulo ngokobuhlanga kwabeendaba
•    Iphulo localu – calulo lwabantu abavela ngaphandle kwemida yeli
•    Ukuqwalasela amalungelo ezoqoqosho lwasekuhlaleni
•    Isifundo nengxelo ngokuthabatha inxaxheba komntwana
•    Inkomfa yelizwe yocalu – calulo ngokubuhlanga
•    Uphando localu – calulo ngokobuhlanga kwinkqubo yezobulungisa
•    Uphando loxhatshazo ngokwesondo kubantwana
•    Amalungelo abantu kuluntu oluzibandakanya nezolimo
•    Uqulunqo – mthetho oluhambisana nomgaqo – siseko ( ukulingana nokufikelela kulwazi lwemithetho.
•    Isicwangciso sikazwelonke sokulwa nocalu – calulo ngokobuhlanga
•    Isicwangciso sikazwelonke sokuququzelela nokukhusela amalungelo abantu.
•    Inkomfa yesithathu yezizwe ezimanyeneyo ejongene nocalu – calulo ngokobuhlanga.
•    Amalungelo ezoqoqosho lwasekuhlaleni eembacu nabo bangezizo iintlanga zelizwe.
•    Ukuqwalasela imiqathango yamalungelo abantu yehlabathi jikelele, eMzantsi Afrika.

Ikomishoni yamalungelo abantu ibandakanya ikomiti yokuqulunqwa kwemithetho kwanabalawuli abayenzayo le mithetho.  Usihlalo nguye oyintloko, kwaye kukho abakomishinala abali 10, emnye ujongene nebakala elithile lamalungelo abantu – abantwana, ukhubazeko, amalungelo oluntu, njalo – njalo, kwanengingqi yamazantsi eAfrika.

UJody Kollapen owasebenz njengosekela – sihlalo weKomishoni ukususela ngonyaka ka 1996, wathi wabekwa njengosihlalo kweyeDwarha ngonyaka ka 2002.
Le komishoni iseke iiofisi ezintlanu ukuqinisekisa ukub,a iinkonzo ziyafikelela kuluntu – khangela le ezi zilandelayo.
QHAGAMSHELANA NEKOMISHONI:
Umnxeba weengcebiso ngamalungelo abantu
0860 120 120
(Ngamaxesha omsebenzi, ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu)
Iofisi eyintloko / EGauteng
Tel (011) 484 8300
EMpumakoloni
Tel (041) 582 4094 / 2611
EFreystatha
Tel (051) 447 1130
KwaZulu-Natal
Tel (031) 304 7323 / 4 / 5
ELimpopo
Tel (015) 291 3500 / 04
ENtshonakoloni
Tel (021) 426 2277
Umthombo weendaba: www.southafrica.info/ess_info/sa_glance/constitution/sahrc.htm
Eli bali niliphathelwe ngesihle yi Agenda – siphakamisa ilizwi ngokulingana ngesini. Xa ufuna inkcukacha ezivetshe ungasitsalela umnxeba kwa (031) 304 7001/2/3.