UMzantsi Afrika woyisiwe kukukhusela abaseTyhini kubundlobongela, kwaye ufuna ukuphucula indlela yokujongana nomakulinganwe ngokwesini. Iqumrhu elijongene nomthetho wezesini eMzantsi Afrika, iSisonke, lithe lafumanisa iziphumo ezidanisayo kwingxelo ethiwe thaca kwisiqendu sama 51 semeko yabaseTyhini kwikomishoni yezizwe ezimanyeneyo, eNew York.
Esi simemelelo sifika xa kanye uMzantsi Afrika uthe wehla ngamanqanaba amabini, ze wazifumana ubalelwa kwawona mazwe angawahloniphiyo amalungelo abaseTyhini ehlabathini. Le ngxelo ithi, udushe olujoliswe kwisini kweli lizwe lwenyuke ngendlela emangalisayo, nangona uMzantsi Afrika usenza kangangoko ekubekeni abaseTyhini kwizikhundla eziphezulu kumacandelo oluntu nakwawabucala.
Iinkcukacha – manani eMzantsi Afrika zibonakalise ukuba, abaseTyhini nabantwana base ngamaxhoba obundlobongela kumanqanaba amathandathu: ubugebenga, ukuzama ukugebenga, udlwengulo, ukubethwa, kwanokubetha ngenjongo yokwenzakalisa. Le ngxelo nequlunqwe egameni likarhulumente ithe, izinga eliphantsi lokubanjwa nokutshutshiswa kwabadlwenguli kwanamatyala ezenzo zodushe olujoliswe kwisini, libonisa ukuba abaxhaphazi baqhubele phambili ukuxhaphaza abaseTyhini ngaphandle kokutshutshiswa.
Le ngxelo ithi urhulumente kufuneka onyuse isabelo semali sokunyanzeliswa komthetho, ongeze nenkxaso – mali kumsebenzi ojongene nezesini. Kule minyaka mithathu idlulileyo, uMzantsi Afrika usuke kwinombolo yama 90 ukuya kweyama 92 kuluhlu lwenkqubela ngezesini. INorway, iIceland, iAustralia, iIreland kwaneSweden ngamazwe athe akhokhela ekubeni ngamazwe apho abaseTyhini besonwabela ukuphathwa ngokulinganayo. IBurkina Faso, iMali, iSierra Leone kwaneNiger, zithe zabamba umsila kolu luhlu. Olu luhlu luthe lwajolisa kwizinga lemfundo yabantu abadala, inani lokubhalisa kumabanga aphantsi naphezulu ngokudibeneyo kwanengeniso eqikelelweyo.
INorway, iIceland kwaneAustralia zineepesenti ezingama 99 zabantu abadala abafundileyo kumadoda nakwabaseTyhini, inani elilinganayo lokubhalisa kumaziko ezemfundo kumadoda nabaseTyhini, abaseTyhini bafumana ingeniso ephantse ilingane neyemadoda. Kodwa kwiMali, iSierra Leone kwaneNiger kukho umahluko omkhulu phakathi kwenkqubela nempucuko yamadoda nabaseTyhini.
IMali ineepesenti ezi 11 kuphela zabaseTyhini abafundile xa kuthelekiswa neepesenti ezingama 26 zamadoda. Ama 30 eepesenti okubhaliswa kumaziko ezemfundo ngawabaseTyhini, lo gama amadoda esenza iipesenti ezingama 40. Uphando lubonisa ukuba, eSierra Leone, ngama 24 eepesenti zabaseTyhini abafundileyo, xa kuthelekiswa neepesenti ezingama 75 zamadoda. ENiger ziipesenti ezili 15 zabaseTyhini abafundileyo xa kuthelekiswa namadoda aziipesenti ezingama 42, kwane 18 leepesenti zabaseTyhini ababhalisa kumaziko emfundo kunama 25 eepesenti zamadoda. Nangona uMzantsi Afrika ubuwakhokhela amanye amazwe ezwekazi laseAfrika, ubusekude kakhulu kunamanye amazwe anengeniso ephakathi afana neMexico, iThailand neUruguay.
IJiputa, iMauritius, iTunisia, iCape Verde, kwaneAlgeria awubeke kwindawo yesithandathu uMzantsi Afrika kuluhlu lwaseAfrika. UBafana Khumalo nongomnye wabathi baqala iSisonke uthe, inguquko ngokuphathelelene nesini eMzantsi Afrika iyakuhlala ingahambeli ndawo, de amadoda abonwe njengabalulekileyo kule nkqubo. “Ngaphandle kokuba sicele umngeni emadodeni ukuba athwale uxanduva, sithethe nawo ngemibandela yezisini, kuza kuthabatha ixesha elide ukutshintsha,” utshilo uKhumalo.
Abaququzelela imibandela yezesini kule veki bathe babonakalisa inkxalabo ngokwehla kweli lizwe kumanqanaba ehlabathi. ULisa Vetten, nongumphandi weziko elincedisa ngezomthetho ukulwa nodushe olujoliswe kwabaseTyhini iTshwaranang (Tshwaranang Legal Advocacy Centre to End Violence Against Women) uthe, le meko ibonisa ukungenziwa ngendlela kwemithetho kwanokuthembela kweli lizwe kwinkqubo yobulungisa. “Oku kwehla kubonisa ukuba umsantsa phakathi kwesibaxo nenyaniso awuguquki, kwaye mhlawumbi kungenzeka ukuba ukufadalala kukhona,” utshilo. “Sifuna izisombululo eziliqela kunenkqubo yezobulungisa kuphela, “ wengeze ngelitshoyo uVetten.
Isithethi seKomishoni kamakulinganwe ngokwesini uYvonne Mogadime uthe, kwinkomfa esandula ukudlula, abathabatha inxaxheba bathe baqwalasela ukuphatha kwamadoda okumile nengcambu kuluntu, njengowona mqobo ekubhekeni phambili kwabaseTyhini kwanomakulinganwe ngokwesini eMzantsi Afrika.
Umthombo weendaba: www.mg.co.za
Eli bali niliphathelwe ngesihle yi Agenda – siphakamisa ilizwi ngokulingana ngesini. Xa ufuna inkcukacha ezivetshe ungasitsalela umnxeba kwa (031) 304 7001/2/3.
|