|
Kwiminyaka engama 47 eyedlulayo, ngomhla wama 21 kweyoKwindla ngonyaka ka1960, abakwaNtsasana babulala abantu abangama 69, ze bashiya kungxwelerheke iqela labaqhankqalazi ababesokoliswa ngamapasi phantsi kwemithetho yocalu – calulo. Ukukhunjulwa kwentlekele yaseSharpville kwathi kwaziwa njengosuku lwaseSharpville. Usuku lwaseSharpville ngoku lwaziwa njengosuku lwamalungelo abantu, usuku apho uMzantsi Afrika ubufanele ukuba uqwalasela onke amabakala aphathelene namalunglelo abantu.
Amalungelo abantu ngamalungelo angundoqo, nawona abalulekileyo kuye wonke ubani kuba nje engumntu. La malungelo awaguquki: umntu ubanawo ubomi bakhe bonke kwaye awanakohluthwa nangubani na.
Amalungelo abantu boMzantsi Afrika ayengakhuselekanga ngaphambi kokuba eli lifumane inkululeko ngonyaka ka 1994. Usuku lwamalungelo abantu (umhla wama 21 kweyoKwindla) lusuku apho abemi boMzantsi Afrika bevuyisana namalungelo abantu, lukwabakhumbuza ngala malungelo. La malungelo ngawakhe wonke ubani akufuneki de siwasebenzele, kwaye asinakuwohluthwa lula, kuba ngamalungelo esiwafumana kwasekuzalweni.
Uluhlu lwamalungelo abantu akhuselekileyo eMzantsi Afrika, sisahluko sesibini somgaqo – siseko kumqulu wamalungelo abantu. Umgaqo – siseko ngowona mthetho mkhulu eMzantsi Afrika. Wonke ubani kweli, kubandakanya norhulumente kufuneka awulandele. Imigaqo ekhankanywa kumgaqo – siseko akulula ukufane iguqulwe, kwaye namalungelo akumqulu wamalungelo akulula ukuwaguqula. Le nto ithetha ukuba, kunzima kuye wonke umntu ukuguqula amalungelo kungenjalo ukuwohlutha.
Kuba wonke ubani enawo amalungelo, kungakhathalisekanga nokuba ungowoluphi na uhlanga, mdala kangakanani na, nokuba usesiphi na isini, sonke kufuneka sihloniphe amalungelo abanye abantu. Akulunganga ukuba ubani athi unamalungelo, lo gama esenza izinto ezinyasha amalungelo abanye abantu. Kufuneka sonke sihloniphe kwaye silandele imithetho yelizwe.
Ngaloo mhla wama 21 kweyoKwindla ngonyaka ka 1960, kwakucwangcwiswe iintshukumo kwiindawo eziliqela kweli, ukuze kuliwe nemithetho yamapasi. Le mithetho yayifuna ukuba bonke abantsundu abahlala nabasebenza ezidolophini, baphathe isazisi esasisaziwa njengepasi ngalo lonke ithuba. Ukungaphathi ipasi ke bekukhokhelela ekubanjweni ngabakwaNtsasana, kwaye abantu bebesithi bafuduswe kwiindawo abahlala kuzo.
Ngolu suku abantu bagqiba ekubeni baye kwizikhululo zabakwaNtsasana bengawaphethanga amapasi, benyanzelisa ukubanjwa. Injongo yayiyeyokuba, abantu abaninzi ngolo hlobo xa babenokubanjwa, iintolongo zazingagcwala de ilizwe lingalawuleki. Ithemba yayilelokuba le ntshukumo ingakhokhelela ukuba upheliswe umthetho wamapasi.
ESharpville eGauteng, amawaka abantu adibanela kwizikhululo zabakwaNtsasana enyanzelisa ukuba abanjwe. Bahlangatyezwa ngama 300 abakwaNtsasana, bakungquzulana abakwaNtsasana baqalisa ukudubula. Bafikelela kuma 67 abantu abathi babulawa, ukanti i 180 lathi langxwelerheka ngenxa yokudutyulwa. Aba bantu babekhalazela imithetho yamapasi, kwaye babenyanzelisa amalungelo abo. Uninzi lwala malungelo lubandakanywe kumqulu wamalungelo abantu, nabandakanya amalungelo:
- Okulingana (Icandelo sethoba)
- Esidima somntu (Icandelo se10)
- Okuthetha gabalala (Icandelo le16)
- Okudibana, ukubonisa iimvakalelo kwanokuqhankqalaza (Icandelo le17)
- Okuseka amaqumrhu (Icandelo le18) kwa
- Nelokuhamba – hamba kwanokuba ngumhlali (Icandelo lama 21).
Sivuyisana nolu suku minyaka le, ukuze sikhumbule intlungu kwanokuphulukana nobom okwathi kwahambisana nomzabalazo wamalungelo abantu. Lusikhumbuza ukuba, abantu boMzantsi Afrika abasokuze baphinde bavinjwe amalungelo abo.
Eli bali niliphathelwe ngesihle yi Agenda – siphakamisa ilizwi ngokulingana ngesini. Xa ufuna inkcukacha ezivetshe ungasitsalela umnxeba kwa (031) 304 7001/2/3.
|